Ukunxibelelana kwi-intanethi

Le khosi izakujongana nokuba unganxibelelana njani kakuhle kwi-intanethi. Uza kwaziswa nge-imeyile, iinqkubo zewebhu zemiyalezo ekhawulezileyo, kunye neminxeba yelizwi kunye nevidiyo.

Isifundo 1: Ukunxibelelana usebenzisa i-imeyile

Zininzi iindlela zokuhlala unxibelelana nabanye usebenzisa i-intanethi, enye yezona zidumileyo yi-imeyile. Kwesi sifundo, uya kufunda ngakumbi malunga ne-imeyile, indlela yokuseta i-akhawunti ye-imeyile, kunye nendlela yokuyisebenzisa ukunxibelelwanonokunxibelelana nabantu.

Ekupheleni kwesifundo uza kube ukwazi uku:

  • Cacisa iimisebenzi ye-imeyile.
  • Jonga iindlela zokumisela i-akhawunti yemeyile.
  • Sebenzisa inkozo ye-emeyile ukuthumela i-imeyilele.
  • Sebenzisa inkonzo ye-imeyile ukujonga kwaye nokuphendula ii-imeyile.

Isifundo 2: Ncokola kwi-Intanethi

Kwesi sifundo, uya kufunda indlela yokunxibelelana nabantu usebenzisa umyalezo okhawulezileyo (instant messaging), iifowuni zelizwi (voice calls), kunye neefowuni zevidiyo (video calls).

I-intanethi kunye newebhu zenza ukuba sikwazi ukuhlala sinxibelelana nabanye abakufutshane nabakude. Kukho iiapp kunye neenkonzo ezenza kube lula ukunxibelelana nabanye kwi-intanethi ngokuthumela umyalezo okhawulezileyo (instant messaging), ukufowuna ngelizwi, kunye nokufowuna ngevidiyo. Kwesi sifundo, siza kuphonononga ezi ndlela zokunxibelelana kwi-Intanethi.

Ekupheleni kwesi sifundo, uya kukwazi uku:

  • Chaza iindlela eziqhelekileyo zokunxibelelana nabanye kwi-intanethi.
  • Sebenzisa i-WhatsApp okanye iinkonzo ezifanayo ukuthumela imiyalezo ngoko nangoko kwabanye.
  • Tsala umnxeba welizwi kwi-intanethi.
  • Yenza iminxeba yevidiyo kwiwebhu.