Intshayelelo yokushicilela kwi-intanethi usebenzisa I-WordPress

Kule khosi, uya kufunda indlela yokubhala nokupapasha umxholo kwi-intanethi. Uya kufumana iingcebiso ngokulungiselela amanqaku, ukufumana imithombo yolwazi yamanqaku akho kunye nendlela yokubhala nokupapasha umxholo wokuqala abantu abaya kufuna ukufunda. Uya kufumana kwakhona intshayelelo yokusebenzisa I-WordPress, eyona ndawo ithandwa kakhulu kwaye isetyenziswa ngokubanzi kwi-intanethi yokupapasha. Ininzi inzuzo ngokufunda ngokupapasha ngeintanethi:

  • Uya kufunda izakhono ongazisebenzisa ezindaweni ezohlukeneyo – njengonxibelelwano olubhaliweyo kunye nokuhlela – onokuthi udwelise Kwi-CV yakho kwaye uyisebenzise ingqesho yexesha elizayo.
  • Ngaphezulu kwama-40% yazo zonke iiwebhusayithi kwi-Intanethi zakhiwe kusetyenziswa I-WordPress ke ukwazi indlela yokuyisebenzisa kuya kunceda ukuphucula izakhono zakho zokusebenzisa i-intanethi..
  • Unokuba ngumshicileli wakho. Sebenzisa into oyifundayo kwesisifundo ukwakha iwebhusayithi yakho simahla! Ungabhala malunga nantoni na oyifunayo, ukutya, indalo, ishishini, ibhola njl. Oku kunokwandisa abaphulaphuli bakho kunye nokunxulumana. Uya kuba ngumvelisi womxholo WaseAfrika – umbhali, okanye umfundi. Unokude uqale ishishini lakho kwi-intanethi!

Isifundo 1: Ukucwangcisa nokulungiselela inqaku lakho

Kwesi sifundo, uya kufunda indlela yokucwangcisa nokulungiselela ukubhala inqaku lakho. Oku kubandakanya ukuthatha isigqibo ngesihloko, ukuqonda ukuba loluphi ulwazi esele lubhaliwe kwisihloko osikhethileyo kunye nalapho unokufumana khona imithombo yolwazi ukukunceda ubhale inqaku lakho.

Isifundo 2: Amanyathelo okupapasha inqaku kwi-intanethi

Kwesi sifundo, uya kufunda ngokuphangaleleyo indlela yokungena kwiwebhusayithi ukuze upapashe inqaku lakho.