Isifundo 1: Ukucwangcisa nokulungiselela inqaku lakho

Kwesi sifundo, uya kufunda indlela yokucwangcisa nokulungiselela ukubhala inqaku lakho. Oku kubandakanya ukuthatha isigqibo ngesihloko, ukuqonda ukuba loluphi ulwazi esele lubhaliwe kwisihloko osikhethileyo kunye nalapho unokufumana khona imithombo yolwazi ukukunceda ubhale inqaku lakho.

Ekupheleni kwesi sifundo uya kuqonda indlela:

  • Yokucwangcisa kwaye uphande inqaku lakho
  • Yokuchonga imithombo yolwazi kwinqaku lakho
  • Yokubeka inqaku lakho ukuze kube lula kwaye kube mnandi ukufunda

Cwangcisa kwaye uphande inqaku lakho

1. Khetha isihloko

Sesiphi isihloko oza kuphanda kwaye ubhale ngaso? Ukuze uphendule lo mbuzo kufuneka uzibuze oku:

  • Ingaba sisihloko esifanelekileyo kwiwebhusayithi eza kupapashwa kuyo? Umzekelo, inqaku malunga nokunkcenkceshela izityalo lilungele iwebhusayithi yegadi kodwa inqaku kwizithuthuthu alikulungelanga.
  • Ingaba inxulumene na nento efanayo ekhoyo kule webhusayithi?
  • Ingaba sele kukho inqaku kwiwebhusayithi elijongana nesi sihloko esithile, okanye esinye esinxulumene naso?

2. Imithombo yolwazi

Nje ukuba ukhethe isihloko oza kubhala ngaso, kuya kufuneka ufumane imithombo yolwazi ukuyibhala. Zibuze, loluphi uhlobo lolwazi endiludingayo kwaye ndingalufumana phi? Uhlobo kunye nemithombo yolwazi oyifunayo iya kuxhomekeka kwisihloko osikhethileyo. Ukuba ubhala malunga negadi unokufumana ulwazi:

  • Tyelela ithala lencwadi elikufutshane endaweni ngeencwadi zokulima
  • Thetha nabalimi bendawo kunye nabalimi kwindawo yakho
  • Ukukhangela ulwazi kwi-intanethi. Kuya kubakho iiwebhusayithi ezininzi malunga negadi kunye nokulima izinto.

Ukuba ubhala malunga noluntu lwasekuhlaleni, imbali yabo kunye namasiko, unokufumana ulwazi:

  • Ukuba nodliwanondlebe nabantu abadala kwindawo yakho abanokuthi babe nolwazi malunga neembali zezindlu kunye namabali ookhokho, amasiko kunye nolwazi lwemveli.
  • Ukuthetha kunye nodliwano-ndlebe nabantu abafana nabaphilisi bemveli kunye neembongi.
  • Ukukhangela ulwazi kwi-intanethi. Umzekelo, amanye amaqela kumakhasi onxibelelwano u-Facebook anolwazi oluninzi malunga nezihloko ezahlukeneyo kubandakanya nembali ngeziduko nezibongo.

3. Ubuqhetseba nokukopa

Xa ubhala inqaku lakho, kubalulekile ukuba ubhale into eyahlukileyo kwaye yoqobo. Sukukhuphela nje imithombo oyisebenzisayo. Kuphephe ukukhuphela nokukopa imibhalo ngokulandela la manyathelo:

  1. Funda umbhalo onomdla kuwe (njengoko ubuya kwenza iphephandaba, incwadi okanye inqaku)
  2. Beka isicatshulwa ecaleni uze ubhale ibali njengoko uliqonda, ngendlela efanayo ubuya kubalisa ngayo abahlobo ngamabali afundwa kumaphephandaba okanye kwiincwadi.

Okuyakuphuma apho iyakuba ngamagama akho,ulandelelwaniso kunye nelizwi lakho. Uyakuba nemibuzo kwezinye iindawo, ungongeza olunye ulwazi okanye ugxininise apho ubona khona kuyakuzenzekela ke oku. Ngokwenza njalo uyakuvelisa amanqaku oqobo nafundekayo.

Ubuqhetseba kunye nenqaku elingabhalwanga kakuhle- umbhalo obomvu ukhutshelwe kwelinye inqaku.

Umsebenzi 1.1

Indlela elungileyo yokucinga ngeengcinga ngenqaku elitsha kukwenza imephu yengqondo ephepheni. Imephu yengqondo ngumzobo osetyenziselwa ukulungelelanisa ulwazi. Nanku umzekelo wemephu yengqondo.

Ngoku chitha imizuzu emihlanu uphuhlisa eyakho imephu yengqondo yamanqaku anokubakho.

Lungiselela kwaye ubeke inqaku lakho

1. Lungiselela ukubhala

Kubalulekile ukuba ucwangcise inqaku lakho kwaye ucinge ngolwakhiwo lwalo ngaphambi kokuba ulibhale. Kuya kufuneka wenze isihloko, uthathe isigqibo malunga nendlela oza kwazisa ngayo isihloko, loluphi ulwazi oza kulubandakanya kwicandelo eliphambili (‘umzimba’) lenqaku kunye nendlela oza kuyiphelisa ngayo.

2. Hlela ukubhala kwakho

Dwelisa onke amanqaku aphambili ofuna ukuwaquka kwaye wandise kwezi ngemihlathi. Umhlathi liqela lezivakalisi malunga nombono omnye ophambili. Oku kuya kwenza ukuba ukubhala kwakho kuqondakale kwaye kube lula ukufunda, kwakunye nokubeka inqaku lakho.

3.Beka inqaku lakho

Yongeza izihloko ezincinci (H2 heading/ isihloko Kwi-WordPress) ukwenza kube lula kumfundi. Izihloko kunye nemixholwana yahlula isicatshulwa kwaye inike isithuba phakathi kwemihlathi yakho kunye nemibono.

4. Ngena emxholweni

Sebenzisa izivakalisi ezimfutshane kunye nolwimi olulula. Ngena exholweni zisuka, ngaphandle kokuba ubhala inqaku elineenkcukacha okanye elide, kuphephe ukuba namagama angaphezu kwama-400 kwinqaku lakho. Inkqaku lakho lingabilide okanye libelufutshane kakhulu!

5. Ukufaka umfanekiso ofanelekileyo okanye ifayile yesandi

Ukufaka umfanekiso okanye ifayile yesandi yenza inqaku lakho libenomdla ngakumbi kwaye libandakanye umfundi!

Ukucamngca/imibuzo

Ngoku cinga ngesihloko onqwenela ukusibhala. Cwangcisa imbonakalo yenqaku, ukuqaqambisa ubume kunye nolwakhiwo.

Umsebenzi 1.2

Cwangcisa inqaku lakho ngokukhetha izihloko eziphambili ofuna ukuziveza. Ezi zinokuba zizihloko zakho. Bandakanya nayiphi na imithombo yeendaba oceba ukuyongeza kwinqaku lakho njengemizobo, imifanekiso, iifayile zesandi okanye izicatshulwa zevidiyo.

Isishwankathelo

Kwesi sifundo ufunde:

  • Indlela yokucwangcisa inqaku lakho, kuquka ukugqiba ngesihloko, ukuphanda inqaku lakho kunye nemiba malunga nobuqhetseba kunye namalungelo omqulunqi.
  • Ukuba ulicwangcisa njani inqaku lakho, kubandakanya ukulihlela kunye nokulibeka licace gca.

Imibuzo

Njonga ukuba uqhuba njani. Phendula imibuzo.